Sukundi xaka uxele uXakekile
Xeli’xoki ugxidike Xolisile
Mathandzima axeli xakaxa
Nyongo indiphethe ndi rhalela ukuyitica
Ukunyanyeka okungaka, nda qonda ukuba andina thamsanqa
Ndodendala usisifo saba Xhosa
Gama elibi olizisayo ko saluki bakho
Iphi na inimba bafo bethu. Ubuntu noku dibana kwethu
Xa bekutheni uyo thatha isisulu sakwa ntsundu, kuba nifuna ukuziva mkhulu, kodwa ninabo ubu msunu. Ndini ncamile ngoba senizi bonakalisile
Bhuti, tata, malume, tanci, bendini thembile.
Ukudlwengula umntana ebenimzalile, umphefumlo wam niwuphulile.
Ubudoda bamanye amadoda bemka nobumdaka bela bhozo, kwela bhoma beli nqungwe zizikhova. Ndi thetha inyoka, izinto ezigcwele imbhatyo nobu khoboka
Bafazi asinaba thetheleli
Uncedani ubaleke ne gamalakhe, uphose ukubuza lisebenza entweni
Qina ntombendala uxele imbogodo. Ubundzima abufane bunikwe aba thambe ifokotho.
Inyembezi zakho aziweli phantsi. Usisiphowo saba dala. Iqhawekazi labafazi.
- Alwaba alice manengela
